UMgaqonkqubo wobuMfihlo
- Ekhaya
- UMgaqonkqubo wobuMfihlo

Intshayelelo:
Ubumfihlo bakho bubalulekile. Eamandla.mobi, sizinikele ngokupheleleyo ukukhusela ulwazi lobuqu olunikayo ngokuthabatha kwakho inxaxheba kumaphulo ethu nakumsebenzi wokukhulisa iqumrhu. Siyaluqonda uxanduva lwethu lokuphendula olukwi-Protection of Personal Information Act (uMthetho wokuKhusela uLwazi loBuqu), 4 ka2013 (“i-POPIA”), kwaye sizinikele ukuqinisekisa ukuba ulwazi lwakho lobuqu luyaqokelelwa luze lusetyenziswe ngendlela efanelekileyo, esemthethweni, neselubala.
Okungundoqo ekuzinikeleni kwethu ukukhusela ubumfihlo bakho, sifunga ukuba asinakuze siluthengise ulwazi lwakho lobuqu.
Lo mgaqonkqubo uchaza indlela esifumana, esisebenzisa nesibhengeza ngayo ulwazi lwakho lobuqu, ngokwayamene neemfuno ze-POPIA, kunye nokuzinikela kwethu kubumfihlo.
Kulo mgaqonkqubo, nakuphi na ukukhankanywa kwe-“amandla.mobi”, “thina” kwi-“amandla.mobi”, siliqumrhu elingenzi nzuzo elixhasa umbutho okhulayo okhokelwa ngamanina aNtsundu afumana umrholo ophantsi ekushenxiseni amagunya kuMzantsi Afrika onobulungisa ngokungaphaya.
Isizathu esingundoqo sokuba siqokelele ulwazi lobuqu:
Iamandla.mobi ikhona ukuvumela nabanina ukuba izimvo zakhe zimanyelwe ngemigushuzo yamaphulo, aquka amaphepha oluhlu lwezikhalazo, izimvo zoluntu, ugwayimbo kunye neminye imigushuzo yoluntu. Iphulo ngalinye libandakanya abathathizigqibo abasemagunyeni ngezinyanzelo zamaphulo. Ukubonakalisa inkxaso yoluntu yephulo, kungalindeleka ukuba sinikezele igama lakho kubathathizigqibo. Kuninzi lwemigushuzo onokuyiqhuba ne-amandla.mobi, sicela ukuba unike ulwazi olubaluleke kakhulu kwinjongo yamaphulo ethu, njengegama lakho, i-imeyile, inombolo yeselula kunye nephondo. Oku kusinceda ukuba singaqinisekisi nje ubuwena kodwa kwakhona siqhube imisebenzi efunekayo ukuqhuba amaphulo ngokusebenzayo, iqumrhu lethu, kwaye siqhube injongo engundoqo yeamandla.mobi.
Siza kulucima ulwazi lwakho lobuqu emva kokuba iphulo liphelile ngaphandle kokuba uyavuma ukufumana unxibelelwano oluqhubekayo kwi-amandla.mobi kwi-imeyile yakho nakwinombolo yakho yeselula okanye apho sivumeleke ngokusemthethweni ukugcina ulwazi isigaba sexesha esingaphaya. Ungarhoxisa igama lakho (uphume) naninina ngokucofa iqhosha u-unsubscribe kwii-imeyile zethu okanye ngokuphendula YEKA kwimiyalezo engena kwinombolo yeselula yakho. La macandelo alapha ngezantsi omgaqonkqubo wobumfihlo anika iinkcukacha ezingaphaya ezininzi ngendlela yokufumana, ukusebenzisa nokubhengeza ulwazi lwakho lobuqu.
Singoobani:
Wasekwa ngenkolelo yokuba wonke umnxeba ophathwayo ungasisixhobo sokwakha idemokhrasi, iamandla.mobi ngumbutho osakhulayo okhokelwa ngamanina aNtsundu afumana umrholo ophantsi ashenxisela amagunya kuMzantsi Afrika onobulungisa, nolinganayo.
Yintoni ulwazi lobuqu nolwazi lobuqu olukhethekileyo:
ULwazi loBuqu, ngokwayamene ne-POPIA, luthetha ulwazi olubhekiselele kumntu onokuchongwa, ophilayo, ongummi, kwaye nalapho kunokwenzeka, umntu onokuchongwa, ophilayo onelungelo ngokomthetho, ukuquka, kodwa ngokungaphelelanga apha –
- Ulwazi olubhekiselele kuhlanga, ubuni, isini, ukukhulelwa, isimo somtshato, imvelaphi ngokobuzwe okanye ngokwentlalo, ibala, ukuziqonda ngokwesini, ubudala, ukuphila ngokwasemzimbeni okanye ngokwasengqondweni, ukuphila kakuhle, ukuphila nokukhubazeka, inkolo, isazela, inkolelo, inkcubeko, ulwimi nokuzalwa komntu.
- Ulwazi olubhekiselele kwimfundo okanye imbali yokugula, yezemali, yezolwaphulomthetho, okanye yengqesho yomntu lowo;
- Nayiphi na inombolo ekwazisayo, uphawu, idilesi yeimeyile, inombolo yomnxeba, ulwazi lwesithili, isichongi kwi-intanethi, okanye omnye umsebenzi omiselweyo othile waloo mntu;
- Iimpawu zeminwe zomntu;
- Izimvo, imibono yomntu, okanye okukhethwayo ngumntu;
- Imbalelwano ethunyelwa ngumntu enokudandalazisa umxholo wembalelwano eyeyakho wedwa;
- Imibono okanye izimvo zomnye umntu malunga nomntu lowo; kunye
- Igama lomntu ukuba livela nolunye ulwazi lobuqu olunxulumene nomntu lowo okanye ukuba udandalaziso lwegama ngokwalo lunokuvelisa ulwazi olumalunga nomntu lowo.
Ngokwayamene ne-POPIA, ummandla wokunika izizathu esibeka ukuqulunqa kwethu phantsi kwazo ubandakanya oku kulandelayo:
○ Wena uyinikile imvume yoko, okanye ukuba ungumntwana, umzali okanye umgcini wakho ayinikile imvume egameni lakho;
○ Ukuqulunqa kuyafuneka ukuqhuba izenzo zentshukumo zokugqiba okanye zokwenza umsebenzi wethu apho umcimbi wedatha uyinxalenye;
○ Ukuqulunqa kuthobela isibophelelo esinyakathiswe ngumthetho kwiqumrhu;
○ Ukuqulunqa kukhusela uncedo olusemthethweni lomcimbi
○ Ukuqulunqa kuyimfuneko yokusebenza ngokukuko komsebenzi wezomthetho woluntu liqumrhu; okanye
○ Ukuqulunqa kuyimfuneko ukuqhuba iimfuno ezisemthethweni zequmrhu okanye zeqela elingumngeneleli elinikwa ulwazi.
Ulwazi lobuqu olukhethekileyo lubhekiselele kwezi ndidi zolwazi zilandelayo:
○ Iinkolelo zezenkolo nezefilosofi;
○ Uhlanga;
○ Imvelaphi ngokobuhlanga;
○ Ubulungu bemanyano yabasebenzi;
○ Iinkolelo zezopolitiko;
○ Ezempilo ukuquka impilo ngokwasemzimbeni okanye ngokwasengqondweni, ukuphila nokukhubazeka, kunye nembali yokugula;
○ Iimpawu zeminwe;
○ Isimo solwaphulomthetho apho oko kunxulumene nokuqhutywa kwesityholo solwaphulomthetho okanye iingxoxo ezinxulumene neso sityholo.
Siza kulungisa ulwazi lobuqu olukhethekileyo kwezi meko zilandelayo:
○ Unike imvume yokuqulunqa (kwiimeko apho esinyanzelekileyo ngokomthetho ukuba sifumane imvume yakho); okanye
○ Kuyimfuneko ukuqhuba okanye ukukhusela ilungelo okanye isibophelelo esisemthethweni; okanye
○ Kuyimfuneko ukuthobela isibophelelo sezomthetho samazwe ngamazwe sokuluncedo kuluntu; okanye
○ Kokweenjongo ezithile zembali, zophando, okanye zeenkcukachamanani ezingenakuba nefuthe ngokubalaseleyo kubumfihlo bakho; okanye
○ Wenze ngabom ukuba ulwazi lwakho lobuqu lube sesidlangalaleni.
Uhlobo lolwazi lobuqu esiluqokelelayo, nendlela esisebenzisa ngayo ulwazi lwakho:
Olu luhlu lulapha ngezantsi asiloluhlu oluneenkcukacha ezibanzi, kodwa lumisela ulwazi olululo esilindeleke ukuba siluqokelele kuwe, kubasebenzisi bethu, kubaboneleli bethu, kwakunye nakubasebenzi bethu, ukuze senze ekufuneka sikwenzile.
- Abasebenzisi
Sifuna ulwazi lwakho:
- Ngeenjongo zamaphulo ethu ukubandakanya abathathizigqibo;
- Ukubonelela wena ngeenkonzo zethu;
- Ukuthobela umthetho nokulandela imigaqo;
- Ukunxibelelana nawe nokuthumelela wena amaxwebhu afunekayo neengxelo, njl.njl.;
- Ukufikelela kuwe malunga nonxibelelwano olunxulumene nenkonzo;
- Ukuqinisekisa okukwazisayo;
- Ukuhlangabezana neemfuno zethu zokusebenza;
- Ukugcina iirekhodi ezichanekileyo kwaye siqhube uphicothozincwadi lwangaphakathi.
Izinto eziyimfuneko zeDatha yoMsebenzisi:
Ulwazi lonxibelelwano, olunje ngolu:
- Igama lakho lokuqala nelokugqibela;
- Idilesi yeimeyile, yeposi kunye/okanye yesitalato;
- Iinombolo zoqhagamshelwano (umnxeba wasendlini kunye/okanye iselula);
- Ukuba leliphi iphondo ohlala kulo, ukuze senze iphulo kwiphondo lakho, siza kukwazisa.
- Ababoneleli/ abaNikinkonzo
Sifuna ulwazi lwakho:
- Ukuphengulula izinikimaxabiso;
- Ukulungisa iiodolo zentengo;
- Okwenkqubo yeentengo nokufumana abanikinkonzo;
- Ngeenjongo zonxibelelwano;
- Ukuchonga nokwahlula ishishini lakho;
- Ukuthobela umthetho nokulandela imigaqo;
- Ngeenjongo ezinxulumene nerhafu;
- Ngeenjongo zokuhlawula.
- Ukuhlangabezana neemfuno zethu zokusebenza;
- Ukugcina iirekhodi ezichanekileyo kwaye siqhube uphicothozincwadi lwangaphakathi.
Izinto eziyimfuneko zeDatha zabaBoneleli/ aBanikinkonzo:
Ukuchonga ulwazi, olunje ngolu:
- IGama leQumrhu norhwebo njengegama okanye iGama loMntu neFani;
- Inombolo yobhaliso yequmrhu okanye inombolo yesazisi yoMntu;
Ulwazi loqhagamshelwano, olunje ngolu:
- Idilesi yeimeyile, yeposi kunye/okanye yesitalato;
- Iinombolo zoqhagamshelwano (umnxeba wasendlini kunye/okanye iselula);
Ulwazi lwentengiselwano, olunje ngolu:
- Iinkcukacha zebhanki;
- Iinkcukacha zomntu ekuqhagamshelwana naye;
- Isikhundla somntu ekuqhagamshelwana naye;
- Iinombolo ze-VAT;
- Iinkcukacha ezifunekayo zokufaka i-invoyisi.
- AbaSebenzi/ abaSebenzi abaQikelelwayo okanye amaQabane aqhuba iPhulo
Sifuna ulwazi lwakho loku:
3.1 Abasebenzi abaqikelelwayo:
- Ukulungiselela inkqubo yokugaywa kwabasebenzi nokufumanisa ukufaneleka kwengqesho;
- Ukuqinisekisa okukwazisayo, ukufaneleka ukusebenza, imvelaphi yolwaphulomthetho kunye/okanye yemfundo;
- Ukunxibelelana ngesiphumo senkqubo yokufaka isicelo sakho.
3.2 Abasebenzi:
- Ngeenjongo zesivumelwano sengqesho;
- Ukuhlawula wena imbuyekezo;
- Ngeenjongo ezinxulumene nokuthobela ezomthetho, njengobulungisa kwezengqesho, i-BEE, kunye nomthetho onxulumene nabasebenzi;
- Ngeenjongo ezinxulumene nerhafu;
- Ukunxibelelana nawe ngeenjongo ezinxulumene nomsebenzi;
- Ukunxibelelana nezihlobo zakho ngexesha likaxakeka;
- Ngeenjongo zoquko nezeyantlukwano;
- Ngemfundo enganeno kweyesidanga elungiselelwe abantu abasele bebadala ukuba bangangena isikolo nokuxhobisa ngezakhono;
- Ukuqhelisa nokuba ngumzekelo ngokunika iingcebiso;
- Ngeenjongo ezinxulumene nabasebenzi ezinje ngekhefu, intlonipho, ukungabi namandla okanye iinjongo eziyimfuneko zomsebenzi.
- Ngeenjongo eziyimfuneko zophumezonkonzo, njengokukufaka kubathengi bethu, njl.njl.
3.3 AmaQabane aqhuba iPhulo okanye AmaQabane aqhuba iPhulo aLindelekileyo
- Ukuququzelela ukuchongwa kunye nenkqubo yokugaywa kwabasebenzi ukuqinisekisa ukulungela kwakho uManyano lwabaqhubi bePhulo;
- Ukuqinisekisa okukwazisayo, ukufaneleka kuManyano lwabaqhubi bePhulo;
- Ukunxibelelana ngesiphumo somjikelo ngamnye wenkqubo yokuchonga;
- Ngesivumelwano sengqesho soManyano lwabaqhubi bePhulo;
- Ukuhlawula umvuzo;
- Ngokuthobela ezomthetho, ukuquka apho kufanelekileyo, iinjongo ezinxulumene nerhafu.
Abasebenzi okanye amaQabane/ abaSebenzi abaQikelelwayo okanye iziNto eziyiMfuneko zeDatha:
Ukuchonga ulwazi, olunje ngolu:
- Igama elipheleleyo nefani:
- Isazisi / Incwadi yokundwendwela / iMvume yokungena kwelinye ilizwe ukuya kuSebenza / Amanani endawo yokhuselo;
- Inombolo yomsebenzi.
- Umhla wokuzalwa;
- Isini
Ulwazi lonxibelelwano, olunje ngolu:
- Iinombolo zoqhagamshelwano (umnxeba wasendlini kunye/okanye iselula);
- Idilesi yeimeyile, yeposi kunye/okanye yesitalato;
Ulwazi loqhagamshelwano lexesha likaxakeka, olunje ngolu:
- Igama elipheleleyo nefani;
- Ubudlelane boqhagamshelwano lwexesha likaxakeka;
- Iinombolo zoqhagamshelwano (umnxeba wasendlini kunye/okanye iselula);
Ulwazi lwembuyekezomali, olunje ngolu:
- Iinkcukacha zebhanki;
Ulwazi lwemvelaphi, olunje ngolu:
- INkcukacha zomntu;
- Ulwimi oluthethwayo nolubhalwayo;
- Iziqinisekisomfundo zezinga laseyunivesithi;
- Imbali yolwaphulomthetho;
- ULwazi lwezoRhwebo;
- Amava okusebenza kunye nembali yengqesho;
- UHlobo lweSimongqondo / uVavanyongqondo;
Ulwazi olufunekayo ngokusemthethweni, olunje ngolu:
- Uhlanga / ubuzwe;
- Ukuphila nokukhubazeka;
- Ingqesho, izakhono, nolwazi olunxulumeneyo
- Ulwazi olunxulumene nerhafu;
Ukuqokelelwa kolwazi yi-“Cookies”
Ulwazi lwakho nedatha yakho zinokuqokelelwa ngokuzenzekelayo ngokusetyenziswa okuqhelekileyo kweeseva zeIntanethi nokusetyenziswa kwee- “cookies.” I-“Cookies” ziifayili zombhalo ezincinci ezinokusetyenziswa yiwebhusayithi ukuqonda abasebenzisi abaphindayo, ziququzelele ufikelelo oluqhubekayo lwabasebenzisi nokusetyenziswa kwewebhusayithi kwaye zivumele iwebhusayithi ukuba ilandele umkhondo wemo yosetyenziso zize zihlanganise idatha esisambuku eza kuvumela ukuphuculwa komxholo kunye nokwenziwa kwezibhengezontengiso ekujoliswe kuzo. ICookies ayizoprogram eziza kwinkqubo yakho zize zimoshe iifayili.
Ngokuqhelekileyo, icookies zisebenza ngokunika wena inombolo eyodwa engenantsingiselo ngaphandle kwesayithi eyabelayo. Ukuba awulufuni ulwazi oluqokelelwe ngosetyenziso lwecookies, kukho indlela elula kwiibhrawuza ezininzi evumela wena ukuba wale okanye wamkele uphawu lwecookie; nangona kunjalo, kufuneka ukuba uqaphele ukuba icookies zinokufuneka ukubonelela wena ngeempawu ezithile (umz., unikezelo lolwazi olulungiselelwe ngokukodwa) ezifumaneka kwiiwebhusayithi zethu.
Indlela esifumana ngayo ulwazi lwethu lobuqu kwaye nokuba silusebenzisela ntoni:
Siza kusebenzisa ulwazi lwakho lobuqu ngeenjongo obeluqokelelelwe zona kuphela kwaye nekuvunyelwene nawe ngazo. Ukongeza, apho kuyimfuneko ulwazi lwakho lungagcinelwa iinjongo zezomthetho okanye zokwandiswa kwamava omsebenzisi.
Sinokuqokelela kwakhona ulwazi lwakho ngezi njongo zilandelayo:
- Ukuqokelela iinkcukacha zoqhagamshelwano;
- Ukuqinisekisa imvelaphi yakho okanye ukuqinisekisa ukuba ungumsebenzisi onamagunya ngeenjongo zokhuseleko;
- Ukufumana nokunqanda ubuqhetseba, ulwaphulomthetho, ufihlomali eze ngondlelamnyama okanye okunye okwenziwa ngokungekho sikweni;
- Ukuqhuba uphando lwemakethi okanye lolwaneliseko lomsebenzisi okanye lohlalutyo lweenkcukachamanani;
- Ngeenjongo zophicothozincwadi zemali nezokugcinwa kweerekhodi;
- Ngokunxulumene neengxoxo zamatyala;
- Ngeenjongo zophicothozincwadi zemali nogcinoncwadi zemali;
- Ngeenjongo zokuphunyezwa kweenkonzo.
Sinokuqokelela okanye sifumane ulwazi lobuqu olumalunga nawe:
- ngqo kuwe;
- ngexesha lentsebenziswano yethu nawe;
- xa utyelele kwaye/okanye usebenza ngewebhusayithi yethu okanye nawaphi na amakhasi onxibelelwano angamanye okanye iinkonzo ze-IT;
- kwiqela elingumngeneleli eligunyazisiweyo ukwabelana ngolo lwazi;
- ngeselula okanye ezinye iinkqubokusebenza zeeprogram zekhompyutha eziphuhliselwe, okanye ezisetyenziswa yiamandla.mobi.
Olu lwazi singabelana ngalo:
Singaqesha iinkampani zamaqela angabangeneleli nabantu abazimeleyo ukuququzelela inkonzo yethu, ukunika inkonzo egameni lethu, ukuqhuba iinkozo ezinxulumene nenkonzo, ukubonelela ngokhuseleko kunye neziseko zophuhliso ze-IT, ukusinceda ukwenza umsebenzi wequmrhu lethu okanye ukusinceda ukuhlalutya indlela esetyenziswa ngayo inkonzo yethu.
La maqela angabangeneleli anokufikelela kulwazi lwakho lobuqu, kodwa ukuqhuba le misebenzi etyunjelwe ukwenziwa egameni lethu kwaye anyanzelwe ukuba ukuba angabhengezi okanye angalusebenziseli nayiphina enye injongo. Siluxabisile ulwazi lwakho lobuqu kwaye abanikinkonzo bethu bachongwa ngokusondeleyo ukuqinisekisa ukuba bathobela ukhuseleko olufanelekileyo namanyathelo obungcali ngokunxulumene nolwazi lwakho lobuqu.
Njengomsebenzi, sinokufuna ukuba sabelane ngolwazi lwakho nabanikinkonzo okanye oomasibambisane abamkelweyo. Ukongeza, kuba kukho iimeko apho sinokubandakanya abasebenzisi abakwiingingqi ezahlukeneyo, sinokufuna kwakhona ukwabelana ngolwazi lwakho lobuqu nabasebenzisi ukuzalisekisa izibophelelo zethu zenkonzo kubo.
Kwakhona sinokusebenzisa abanikinkonzo abangabangeneleli ukubeka iliso nokuhlalutya ukusetyenziswa kwenkonzo yethu.
Kwakhona sinokubhengeza ulwazi lwakho:
- Apho sinoxanduva okanye ilungelo lokubhengeza ngokwayamene nomthetho okanye ngokwemigaqo yeshishini;
- Apho sikholelwa ukuba kufanelekile ukuba sikhusele amalungelo ethu.
- Sinokufuna ukwabelana ngolwazi lwakho xa sikholelwa ukuba kufunwa njalo ngokomthetho, ngenkqubo yezomthetho okanye ukunceda ukukhusela amalungelo nokhuseleko lwakho, lwethu, okanye lwabanye. Sizama ukwazisa amalungu malunga nezibophelelo zezomthetho zedatha yawo xa kufanelekile ngokolwethu uluvo ngaphandle kokuba oko kuyathintelwa ngumthetho okanye ngumyalelo wenkundla okanye xa isicelo isesexesha likaxakeka. Sinokuziphikisa ezo zibophelelo xa sikholelwa ukuba, ngokwentando yethu, ukuba izicelo zingaphaya, azivakali, okanye azigunyaziswanga ngokufanelekileyo, kodwa asithembisi ukucela umngeni kwisibophelelo ngasinye.
Indlela esigcina ngayo ulwazi lwakho lobuqu:
Ulwazi lwakho lugcinwa ngokukhuselekileyo:
Sinyanzeleke ngokusemthethweni ukuba sibonelele ngokhuseleko olwaneleyo lolwazi lobuqu esinalo kwaye siyeke ufikelelo olungagunyaziswanga nosetyenziso lolwazi lobuqu. Siza kuthi, ngokuqhubekayo, siqhubeke nokuhlola izixhobo zokhuseleko kunye neenkqubo ezinxulumeneyo ukuqinisekisa ukuba ulwazi lwakho lobuqu luhlala lukhuselekile.
Imigaqonkqubo yethu yokhuseleko neenkqubo ziquka:
- Iindlela zokuqinisekisa ukhuseleko;
- Ukhuseleko oluphathelele kwikhompyutha nothungelwano;
- Ufikelelo kulwazi lobuqu;
- Unxibelelwano olukhuselekileyo;
- Ukhuseleko lokungenisa kwisivumelwano imisebenzi;
- Ukugcinwa nokulahlwa kolwazi;
- Ukusetyenziswa okuvumelekileyo kolwazi lobuqu;
- Imiba yolawulo neyokulandela imigaqo;
- Ufikelelo lokubekwa kweliso nokusetyenziswa kolwazi lwabucala;
- Ukuphengulula nokusabela kwizehlo zokhuseleko.
Xa sisenza isivumelwano sengqesho namaqela angabangeneleli, sibeka ukhuseleko olufanelekileyo, izibophelelo zobucala nobumfihlo kuwo, xa singekho isivumelwano neqela elingumngeneleli elikhusela ulwazi lobuqu, ukuqinisekisa ukuba ulwazi lobuqu esinoxanduva ngalo, lugcinwa lukhuselekile.
Ukuqulunqwa kolwazi lobuqu lwabantwana:
Iwebhusayithi yeamandla.mobi kunye namajelo ezixhobo zobuchwepheshe eziphathwayo zezabasebenzisi abaminyaka ili-13 ubudala nangaphezulu.
Iwebhusayithi yethu ayilungiselelwanga abantwana abangaphantsi kweminyaka eli-13 ubudala kwaye asiz’ ukuqokelela, sisebenzise, sinike okanye silungise ngayo nayiphi na indlela naluphi na ulwazi lobuqu lwabantwana abangaphantsi kweminyaka eli-13 ngabom.
Ke ngoko siyakucela kwakhona, ukuba ungaphantsi kweminyaka eli-13 ubudala, nceda ungasithumeleli ulwazi lwakho lobuqu (umzekelo, igama lakho, idilesi nedilesi yeimeyile). Ukuba ungaphantsi kweminyaka eli-13 ubudala kodwa nangona kunjalo unqwenela ukubuza umbuzo okanye ukusebenzisa le webhusayithi nceda cela umzali okanye umgcini wakho enze oko egameni lakho.
Ufikelelo kulwazi lobuqu olungaphaya kwamandla ethu:
Zinqabile iimeko apho ilungu losapho, umhlobo okanye ikholane elineenjongo ezintle lifake igama lakho, idilesi yeimeyile kunye/okanye inombolo yeselula kwiwebhusayithi yethu, ngaphandle kwemvume yakho. Ezo zenzo zinjalo zingaphaya kwamandla ethu, nanjengoko singakwazi ukuqinisekisa ukuba ngenene ibinguwe ngenen na ofake ulwazi lwakho lobuqu.
EMzantsi Afrika, kuxhaphakile ukuba amathungelwano ezixhobo zonxibelelwano eziphathwayo alungiselelwe usetyenziso ngokutsha avelise ngokutsha iinombolo zeselula ebezingasetyenziswa ngesigaba sexesha esithile. Kwiimeko ezinqabileyo okunokwenzeka kukuba ufumane umyalezo kwinombolo yakho yeselula esuka kwiamandla.mobi, nangona ungazange unike inombolo yeselula yakho iamandla.mobi waza wakhetha ukufumana imiyalezo. Rhoqo, oku kungenxa yokuba inombolo yakho yeselula yayisetyenziswa ngaphambili ngomnye umntu, phambi kokuba ilungiselelwe usetyenziso ngokutsha lwaza uthungelwano lwezixhobo zobuchwepheshe eziphathwayo lakunika loo nombolo yeselula. Ezo zenzo zinjalo zingaphaya kwamandla ethu, nanjengoko singaziswayo ngamathungelwano ezixhobo zonxibelelwano eziphathwayo xa iinombolo zeselula zilungiselelwa ukusetyenziswa ngokutsha.
Ukuba awunqweneli ukufumana ulwazi oluthe vetshe kwiamandla.mobi, sikukhuthaza ukuba ukhethe ukuphuma kunxibelelwano.
Ukugcinwa kwedatha namalungelo akho obumfihlo kwanezibophelelo ngokunjalo:
Sigcina uninzi lolwazi lwakho lobuqu ngelixa sisenenjongo, kufuneka sikubonelele ngeenkonzo okanye apho sibophelelekile ngokomthetho ukuba senze njalo. Siza kugcina kwakhona ulwazi lwakho apho uvumileyo ukuba senze njalo, okanye unike imvume yakho ukuba sivumeleke ukuba senze njalo.
Sinokulindeleka ukuba sigcine olunye ulwazi lwakho nasemva kokuba amaphulo ethu ephelile, ukuba ngaba kuyimfuneko ngokufanelekileyo ukuthobela izibophelelo zethu zezomthetho, sihlangabezane neemfuno zokulandela imigaqo, sisombulule iimbambano, silondoloze ukhuseleko, sinqande urhwaphilizo kunye nokuxhatshazwa, sinyanzele ezinye izivumelwano zabanye abasebenzisi bethu, okanye sifezekise isicelo sakho sokwala ukuqulunqa ulwazi lwakho.
Unawo amalungelo ngokunxulumene nolwazi lwakho lobuqu. Unokukhetha kangangoko malunga nendlela ulwazi lwakho emaluqokelelwe, lusetyenziswe, kwaye kwabelwane ngalo.
Kwiimeko ezithile, ngokomthetho, unelungelo:
- Lokucela ukuba ufikelele kulwazi lwakho: Unelungelo lokufikelela kulwazi lwakho lobuqu ngokuthumela isicelo esibhaliweyo [email protected] obekwa iliso ligosa lolwazi. Kukho ukukhululwa okuthile, okuthetha ukuba unokungasoloko ufumana lonke ulwazi esiluqulunqayo. Xa sinokukunika ikopi kungenziwa oko ngomrhumo othile, nawo ekuza kunxityelelwana nawe ngawo ngexesha lombuzo wakho.
- Ukutshintsha okanye ukulungisa ulwazi: Unelungelo lokusicela ukuba silungise okanye songeze naluphi na ulwazi lwakho lobuqu olunokuba luphelelwe lixesha, lutshintshile okanye apho lungachanekanga. Siza kuqhuba siqwalasele uhlaziyo olufunekayo kangangoko kunokwenzeka.
- Ukucima ulwazi: Ungasicela ukuba sitshabalalise, sicime, okanye sisuse ulwazi lobuqu phantsi kweemeko ezithile. IGosa loLwazi, uPaul Mason, uza kuthathela ingqalelo isicelo sakho ngokunxulumene nayo nayiphina eminye imithetho, imigaqo, okanye iimeko ezithintela ukutshatyalaliswa kwedatha yakho yobuqu.
- Ukuchasa ukuqulunqa: Ungakwenza oku apho sixhomekeke kokuluncedo emthethweni, kokuluncedo kuluntu, okanye kokuluncedo ngokomthetho kwethu (okanye abo beqela elingumngeneleli) kwaye kukho into malunga nemeko yakho ethile ekwenza ukuba ufune ukuchasa ukuqulunqa kulo mmandla. Kwakhona unalo ilungelo lokuchasa apho siqulunqa idatha yakho ngeenjongo ezingqalileyo zokumaketha okanye apho unike imvume yakho ngokuqulunqa okuthile kwaye ufuna ukurhoxisa imvume yakho. Ukurhoxisa imvume yakho akubhangisi ulwazi esiluqulunqe ngokusethethweni ngexesha besinemvume yokwenza njalo.
- Ukucela ukuthintelwa kokuqulunqa: Ungasicela ukuba sinqumamise ukuqulunqwa kwedatha yobuqu emalunga nawe, umzekelo, ukuba ufuna ukuba simisele ukuchaneka kwayo okanye isizathu sokuqulunqwa kwayo.
Nceda qhagamshelana nathi [email protected] ukuba unqwenela ukwenza isicelo.
Utshintsho kwisaziso sethu sobumfihlo:
Utshintsho kwisaziso sobumfihlo luyasebenza ekusebenziseni kwakho iinkonzo zethu. Singasiphucula esi saziso sobumfihlo kumaxesha ngamaxesha, njengoko kufunwa njalo lutshintsho emthethweni. Xa kusenziwa utshintsho olubalulekileyo, siza kunika isaziso ngeenkonzo zethu, okanye ngezinye iindlela, ukubonelela wena ngethuba lokuphengulula utshintsho phambi kokuba lusebenze.
Uvuma ukuba ukuqhubeka kwakho ukusebenzisa iinkonzo zethu emva kokuba sipapashe utshintsho lwethu kwesi saziso sobumfihlo kuthetha ukuba ukuqokelela, usetyenziso, nolwabelwano ngolwazi lwakho lobuqu kuxhomekeke kwisaziso sobumfihlo esihlaziyiweyo.
Olunye ulwazi olubalulekileyo:
Ukhuseleko:
Simisele amanyathelo okhuseleko afanelekileyo ukunqanda ukuba idatha yakho ingalahleki, ingasetyenziswa, okanye kufikelelwe kuyo ngengozi ngendlela engagunyaziswanga, itshintshwe, okanye ibhengezwe. Ukongeza, siyaluthintela ufikelelo kulwazi lwakho lobuqu ngendlela yokulukhusela, kunye nangokuxhomekeke kuxanduva lobumfihlo.
Ukudluliselwa kolwazi ngaphaya kwemida yelizwe:
Kwezinye iimeko, amaqela angabangeneleli esiwasebenzisayo ukubonelela wena ngeenkonzo anokuba ngaphandle kwelizwe lakho ohlala kulo (umzekelo, ngenkonzo yecloud, ngenkqubo okanye ngeseva). Ukudluliselwa kolwazi lwakho lobuqu ngaphandle kwemida yoMzantsi Afrika kunokufuneka; nangona kunjalo, iyakuchaphazeleka kuphela ukuba intengiselwano ifuna ukuqulunqwa ngaphandle kwemida yelizwe. Kwiimeko ezinjalo, ulwazi lobuqu luza kudluliselwa kuphela ngokwayamene neemfuno ze-POPIA kunye/okanye ezinye iimfuno zezomthetho zoMzantsi Afrika, kunye/okanye ukuba umcimbi wedatha uvumela ukudluliselwa kolwazi lobuqu kwiqela elingumngeneleli kwilizwe langaphandle. Kwimeko yokudluliselwa kolwazi lobuqu ngaphaya kwemida yelizwe siza kuthatha amanyathelo afanelekileyo ukuqinisekisa ukuba ukuqulunqwa kolwazi lobuqu kwenziwa ngokwayamene nemithetho yommandla wolawulo ulwazi oludluliselwa kuwo kwaye/okanye loo migaqo yequmrhu ebophelelayo okanye izivumelwano ezibophelelayo zikhona ezinika amanqanaba okhuselo ngenqanaba elaneleyo ngokwayamene nemithethosiseko ye-POPIA.
Olunye ulwazi lobuqu oluqokelelwa ngokuzenzekelayo luqokelelwa ngamaqela angabangeneleli abanobuchwepheshe esibusebenzisayo ukunika ukusebenza kwewebhusayithi kwaye kufunwe ulwazi lohlalutyo lwewebhusayithi. Amanye ala maqela angabangeneleli aza kuba ngaphandle kwemida yoMzantsi Afrika. Sisebenzisa uhlalutyo lwewebhusayithi, kwaye ulwazi oluqokelelwe leli qela lingumngeneleli luza kugcinwa kwiiseva ezisetyenziswa ngumnikinkonzo wohlalutyo lwewebhusayithi.
Indlela yokukhalaza:
Ukuba unazo naziphina iinkxalabo malunga nendlela iamandla.mobi esebenzisa nequlunqa ngayo ulwazi lwakho lobuqu, ungafaka isikhalazo kuthi ku- [email protected]. IGosa loLwazi lethu liza kujonga izikhalazo zize zilawule inkqubo leyo.
Ukuba ubona ngathi isikhalazo sakho asisonjululwanga ngokukwanelisayo, ungafaka kwakhona isikhalazo kuMqondisimthetho woLwazi.
Iinkcukacha zethu, kwakunye nezo zoMqondisimthetho woLwazi, zandlalwe apha ngezantsi.
Iinkcukacha zoqhagamshelwano zethu:
Xa unokuthi ube nombuzo, nceda thumela i-imeyile apha: [email protected]
IGosa loLwazi lethu: Paul Mason
Idilesi yeimeyile: [email protected]
P.O. Box: PostNet Suite 6
Private Bag X4
Braamfontein 2001
Johannesburg
South Africa
INombolo yoMnxeba: 087 822 2956 (inombolo yeofisi)
Iinkcukacha zoqhagamshelwano zoMqondisimthetho woLwazi:
Unelungelo lokufaka isikhalazo kuMqondisimthetho woLwazi woMzantsi Afrika. Jonga iinkcukacha zoqhagamshelwano zoMqondisimthetho woLwazi apha ngezantsi.
IDilesi yeSitalato: Woodmead North Office Park,
54 Maxwell Drive,
Woodmead
Johannesburg
IDilesi yePosi: P.O. Box 31533, Braamfontein, Johannesburg, 2017
Iwebhusayithi: https://inforegulator.org.za/
I-imeyile yeziKhalazo ye-POPIA: [email protected]
I-imeyile yeziKhalazo ye-PAIA: [email protected]
I-imeyili yemibuzo gabalala: [email protected]