I-amandla.mobi ibiphambili ekuceleni umngeni kwimeko ekhoyo phakathi koluntu, uqhankqalazo nophuhliso. Siqhube ukubeka kwimeko eqhelekileyo umbono wokuba ukudala utshintsho oluchaphazela konke, kufuneka sixhobise abo bachaphazeleka kakhulu yintswelabulungisa ngezixhobo abazifunayo ukunika ifuthe izigqibo ezichaphazela ubomi babo. Imithethosiseko emithandathu apha ngezantsi ibonisa indlela esiziqhelanisa ngayo nemikhwa esesikweni yethu.
Amandla, kwintlangano yokulwa ingcinezelo yesijwili Amandla Awethu, athetha amandla eluntwini. Ukugaya inkxaso ngobuninzi sakha amandla oluntu ngamaphepha oluhlu lwezikhalazo, izimvo zoluntu, ukubonisa ekuhleni izikhalazo kunye namanye amacebo. Ukugaya inkxaso yamalungu ethu nokusebenzisa noluntu olunenkqubela kwenza nzima ukuba abathathizigqibo bangasihoyi.
Abantu abahlelelekileyo, ingakumbi amanina aNtsundu anemvelaphi yokwamkela umvuzo ongephi, abonwa njengangenazo izimvo. Ngokwenene, ngokuqhelekileyo sikhokela imizabalazo yobulungisa. Sixhobisa kwaye sisebenzela ukufumana abaququzeleli boluntu ukuba baphumelele amaphulo. Xa ubomi babona bantu bahlelelekileyo buphucuka, kubanjalo kumntu wonke.
Amava esiwaphilayo okuhleleleka kusenza ukuba sibe ziincutshe ekuchongeni unobangela ongundoqo wengxaki kunye nezisombululo ezizinzileyo. Ngokulungisa isithuba sengxelo yempendulo phakathi kwabo basemagunyeni, kunye nabo bachaphazeleka kakhulu zizigqibo zabo, sinceda ukuqhuba ulawulo olululo ngokuqinisekisa ukuba sinaso isihlalo etafileni ekwenziwa kuyo izigqibo.
Siguqule iselula nganye yasisixhobo sokwakha idemokhrasi. Ngokuvavanya nangokungenisa izinto ezintsha ngokuzingileyo, sakhe izixhobo zobuchwepheshe zoluntu eziqukayo ezivala iyantlukwano kubuxhakaxhaka bale mihla. Nokuba ngaba umntu uhlala phi, uthetha oluphi ulwimi, ngowuphi umba abawukhathaleleyo, singagaya inkxaso yabantu ngomlinganiselo wokuqhuba amaphulo aphumelelayo.
Ukuqinisekisa ukuba sizimele geqe kwaye asixhasi qela, asithathi nkxasomali kwabo sifuna ukuba baphendule, njengorhulumente wethu okanye amaqumrhu ngokungqalileyo. Sifunde ukuthemba umbutho wethu, oomasibambisane kunye nabahlelelekileyo ngokuba iinyaniso zethu zibe zezichanekileyo, sibeka phambili imiba yamalungu ethu kwaye sihlale sinyanisekile kumnqophiso wethu.
Sisebenza ngokuzingileyo ukwandisa ifuthe lethu ngokusebenzisa imithombo yethu nexesha ngokufezekileyo. Sifunxa amathuba, sinyamezele kwimbandezelo, samkele ukusilela njengokufunda size sithathe uxanduva. Ngohlolo nokufunda, siphucula umfuziselo wethu wephulo ukuqhuba ifuthe elikhawulezayo ngokunyukayo.
Talk to us on WhatsApp